Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 32:32-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Thina siya kuwela sixhobile phambi koYehova, siye ezweni lakwaKanan, ukuze ibe yeyethu inzuzo yelifa lethu nganeno kweYordan.

33. UMoses wabanika oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen nesiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana kaYosefu, ubukumkani bukaSihon ukumkani wama-Amori, nobukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, ilizwe elo ngokwemizi yalo nemida yalo, imizi yelizwe elo ngeenxa zonke.

34. Bayakha oonyana bakaGadi iDibhon, neAtaroti, neArohere,

35. neAtaroti-shofan, neYazere, neYogebheba,

36. neBhete-nimra, neBhete-haran, imizi enqatyisiweyo, nezibaya zempahla emfutshane.

37. Oonyana bakaRubhen bayakha iHeshbhon, ne-Elale, neKiriyatayim,

38. neNebho, neBhahali-mehon (iguqulwe amagama ayo), neSibhema; bayibiza ngamagama wambi imizi abayakháyo.

39. Baya oonyana bakaMakire, unyana kaManase, eGiliyadi; bayithimba, bawagqogqa ama-Amori abekuyo.

40. UMoses wamnika elaseGiliyadi uMakire, unyana kaManase, wahlala kulo.

41. UYahire unyana kaManase waya wazithimba iilali zakhona, wathi yiHavoti-yahire.*

42. UNobha waya wayithimba iKenati namagxamesi ayo, wathi igama layo yiNobha.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 32