Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 32:16-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Basondela kuye bathi, Izibaya zempahla emfutshane siya kuzibiyela imfuyo yethu apha, imizi siyakhele usapho lwethu.

17. Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibasé endaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.

18. Asiyi kubuyela ezindlwini zethu, bade oonyana bakaSirayeli balizuze ilifa, elowo ilifa lakhe.

19. Kuba asiyi kudla lifa nabo phesheya kweYordan nangaphaya, xa ilifa lethu silizuzé nganeno kweYordan ngasempumalanga.

20. Wathi uMoses kubo, Ukuba nithe nalenza elo lizwi, ukuba nithe naxhobela imfazwe phambi koYehova,

21. bayiwela iYordan bonke abaxhobileyo kuni, behamba phambi koYehova, bada bazigqogqa iintshaba zabo phambi kwabo, leyiswa ilizwe phambi koYehova,

22. nabuya emveni koko: noba msulwa ke kuYehova nakuSirayeli, eli lizwe libe lelenu phambi koYehova.

23. Ke ukuba anithanga nenjenjalo, yabonani, noba nonile kuYehova, nazi ukuba isono senu siya kunifumana.

24. Zakheleni imizi iintsapho zenu, nezibaya zempahla yenu emfutshane, niyenze le nto iphumileyo emlonyeni wenu.

25. Bathetha oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi, Abakhonzi bakho baya kwenza njengoko inkosi yethu iwise umthetho.

26. Abantwana bethu, nabafazi bethu, nemfuyo yethu, namaqegu ethu onke, oba khona emizini yaseGiliyadi.

27. Ke abakhonzi bakho baya kuwela, bonke abomkhosi bexhobele imfazwe phambi koYehova, njengoko inkosi yethu itshoyo.

28. UMoses wamwisela umthetho ngabo uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 32