Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 32:1-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi baye benemfuyo eninzi, inkulu kunene. Balibona ilizwe laseYazere nelizwe laseGiliyadi, nantso loo ndawo iyindawo yemfuyo.

2. Beza oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathetha kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwizikhulu zebandla, bathi,

3. IAtaroti, neDibhon, neYazare, neNimra, neHeshbhon, ne-Elale, neSebham, neNebho, neBhehon,

4. ilizwe awalibethayo uYehova phambi kwebandla lakwaSirayeli, lilizwe lemfuyo; ke abakhonzi bakho banemfuyo.

5. Bathi, Ukuba usibabále, abakhonzi bakho mabanikwe elo zwe, ukuba libe lelabo; ungasiwezi iYordan.

6. Wathi uMoses koonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, Bayè emfazweni abazalwana benu, nihlale apha na nina?

7. Yini na ukuba nizityhafise iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangaweleli ezweni abanika lona uYehova?

8. Benjenjalo ooyihlo ekubasuseni kwam eKadeshe-bharneha, ukuba balikhangele ilizwe.

9-11. Benyuka bada baya esihlanjeni sakwaEshkoli, balibona ilizwe, bazityhafisa iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangàyi ezweni abanikáyo uYehova. Wavutha umsindo kaYehova ngaloo mhla, wafunga, wathi, Ndobona ukuba okha awubone amadoda anyukáyo eYiputa, athabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe enyusa, umhlaba endawufungela uAbraham noIsake noYakobi, kuba engakuzalisanga ukundilandela;

12. ingenguKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, noYoshuwa, unyana kaNun; ngokuba bekuzalisile ukumlandela uYehova bona.

13. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mané, sada sagqitywa sonke isizukulwana, esaye senze ububi emehlweni kaYehova.

14. Nanku nisuke nema esikhundleni sooyihlo, nikukwanda kwamadoda awonayo, ukongeza ngakumbi ekuvutheni komsindo kaYehova kwaSirayeli.

15. Xa nithe nabuya ekumlandeleni, wophinda kanjalo abasalise entlango nibonákalise ke aba bantu bonke.

16. Basondela kuye bathi, Izibaya zempahla emfutshane siya kuzibiyela imfuyo yethu apha, imizi siyakhele usapho lwethu.

17. Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibasé endaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.

18. Asiyi kubuyela ezindlwini zethu, bade oonyana bakaSirayeli balizuze ilifa, elowo ilifa lakhe.

19. Kuba asiyi kudla lifa nabo phesheya kweYordan nangaphaya, xa ilifa lethu silizuzé nganeno kweYordan ngasempumalanga.

20. Wathi uMoses kubo, Ukuba nithe nalenza elo lizwi, ukuba nithe naxhobela imfazwe phambi koYehova,

21. bayiwela iYordan bonke abaxhobileyo kuni, behamba phambi koYehova, bada bazigqogqa iintshaba zabo phambi kwabo, leyiswa ilizwe phambi koYehova,

funda isahluko epheleleyo Inumeri 32