Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 31:6-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.

7. Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda.

8. Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo, uEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham, unyana kaBhehore, ambulala ngekrele.

9. Oonyana bakaSirayeli babathimba abafazi bakwaMidiyan, neentsapho zabo; namaqegu abo onke, nemfuyo yabo yonke, nobutyebi babo bonke babuphanga.

10. Bayitshisa ngomlilo imizi yabo yonke ezindaweni zokuhlala kwabo, neengqili zabo zonke;

11. bawathabatha onke amaxhoba nezinto zonke eziphangiweyo, awabantu naweenkomo.

12. Babazisa abathinjiweyo, namaxhoba, nempahla ephangiweyo, kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwibandla loonyana bakaSirayeli eminqubeni, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ezingaseYordan malunga neYeriko.

13. Baphuma ooMoses noElazare umbingeleli nezikhulu zonke zebandla, baya kubakhawulela ngaphandle kweminquba.

14. UMoses wanoburhalarhume kubo abaveleli bomkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, ababevela emkhosini waloo mfazwe.

15. Wathi uMoses kubo, Niwasindisile na onke amankazana?

16. Yabonani, ngawo la áthi ngelizwi likaBhileham amenezisa oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa kaPehore, kwabakho isibetho ebandleni likaYehova.

17. Yibulaleni ngoko yonke into eyindoda ezintsatsheni; namankazana onke ayazileyo indoda ngokulala nayo wabulaleni.

18. Ke zonke iintsapho emankazaneni ezingalalanga nandoda, zisindiseni.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 31