Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 31:23-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. yonke into enokumelana nomlilo, noyicandisa emlilweni, ihlambuluke, kodwa ke ihlanjululwe ngamanzi okuhlamba ukungcola. Ke yonke into engenako ukumelana nomlilo, noyicandisa emanzini.

24. Ize nihlambe iingubo zenu ngomhla wesixhenxe; nohlambuluka ke, ningene emveni koko eminqubeni.

25. Wathetha uYehova kuMoses, wathi,

26. Bala inani lamaxhoba athinjiweyo, awabantu naweenkomo, wena noElazare umbingeleli, neentloko zezindlu zooyise zebandla.

27. Uze uwahlule kubini amaxhoba, phakathi kwabayilwileyo imfazwe baphuma umkhosi, nebandla lonke:

28. urhumele uYehova inani kumadoda okulwa aphumé umkhosi, umphefumlo ube mnye emakhulwini amahlanu, kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane.

29. Nothabatha esiqingatheni sabo, unike uElazare umbingeleli, ibe ngumrhumo kaYehova.

30. Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ekhethiweyo emashumini amahlanu kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane, nakuwo amaqegu onke, unike abaLevi abagcina isigxina somnquba kaYehova.

31. Wenza ke uMoses noElazare umbingeleli njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

32. Ke amaxhoba, amasalela ezinto eziphangiweyo, ababeziphangile abantu bomkhosi, aba ngamakhulu omathandathu amawaka, anamanci asixhenxe amawaka, anesihlanu samawaka empahla emfutshane;

33. ngamashumi osixhenxe amawaka, anesibini samawaka eenkomo;

34. ngamashumi omathandathu amawaka, anawaka-nye amaesile;

35. neziqu zabantu emankazaneni angalalanga nandoda, zonke iziqu ngamashumi omathathu anesibini samawaka.

36. Isiqingatha, isabelo sabaphuma umkhosi ngokwenani, saba yimpahla emfutshane engamakhulu omathathu amawaka, anamanci mathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu;

37. inani likaYehova empahleni emfutshane, ngamakhulu omathandathu, anamanci asixhenxe anantlanu.

38. Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka; kuzo, inani likaYehova ngamashumi osixhenxe anambini.

39. Amaesile, ngamashumi omathandathu amawaka, anamakhulu omahlanu; kuwo, inani likaYehova ngamashumi omathandathu ananye.

40. Iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka; kuzo, inani likaYehova, iziqu zabantu, ngamashumi omathathu anazibini.

41. UMoses inani elo walinika uElazare umbingeleli, ukuba libe ngumrhumo kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

42. Isiqingatha soonyana bakaSirayeli, awasahlulayo uMoses kweyamadoda abephume umkhosi,

funda isahluko epheleleyo Inumeri 31