Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 31:19-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ke nina misani iintente ngaphandle kweminquba iintsuku ezisixhenxe. Bonke ababulele umntu, bonke abachukumise obuleweyo, nòzihlambulula isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, nina nabo nibathimbileyo.

20. Neengubo zonke, neempahla zonke zezikhumba, neento zonke ezenziwe ngoboya bebhokhwe, neempahla zonke zomthi, nòzihlambulula.

21. Wathi uElazare umbingeleli kumadoda omkhosi abeye kuloo mfazwe, Nguwo lowo ummiselo womyalelo uYehova ammiseleyo uMoses.

22. Kodwa igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, netin, nelothe,

23. yonke into enokumelana nomlilo, noyicandisa emlilweni, ihlambuluke, kodwa ke ihlanjululwe ngamanzi okuhlamba ukungcola. Ke yonke into engenako ukumelana nomlilo, noyicandisa emanzini.

24. Ize nihlambe iingubo zenu ngomhla wesixhenxe; nohlambuluka ke, ningene emveni koko eminqubeni.

25. Wathetha uYehova kuMoses, wathi,

26. Bala inani lamaxhoba athinjiweyo, awabantu naweenkomo, wena noElazare umbingeleli, neentloko zezindlu zooyise zebandla.

27. Uze uwahlule kubini amaxhoba, phakathi kwabayilwileyo imfazwe baphuma umkhosi, nebandla lonke:

28. urhumele uYehova inani kumadoda okulwa aphumé umkhosi, umphefumlo ube mnye emakhulwini amahlanu, kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane.

29. Nothabatha esiqingatheni sabo, unike uElazare umbingeleli, ibe ngumrhumo kaYehova.

30. Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ekhethiweyo emashumini amahlanu kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane, nakuwo amaqegu onke, unike abaLevi abagcina isigxina somnquba kaYehova.

31. Wenza ke uMoses noElazare umbingeleli njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

32. Ke amaxhoba, amasalela ezinto eziphangiweyo, ababeziphangile abantu bomkhosi, aba ngamakhulu omathandathu amawaka, anamanci asixhenxe amawaka, anesihlanu samawaka empahla emfutshane;

33. ngamashumi osixhenxe amawaka, anesibini samawaka eenkomo;

34. ngamashumi omathandathu amawaka, anawaka-nye amaesile;

35. neziqu zabantu emankazaneni angalalanga nandoda, zonke iziqu ngamashumi omathathu anesibini samawaka.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 31