Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 31:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2. Baphindezele kumaMidiyan oonyana bakaSirayeli, ngento awayenza kubo; emveni koko wòhlanganiselwa ebantwini bakowenu.

3. Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan;

4. iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nòwathuma aphume umkhosi.

5. Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi.

6. Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.

7. Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda.

8. Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo, uEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham, unyana kaBhehore, ambulala ngekrele.

9. Oonyana bakaSirayeli babathimba abafazi bakwaMidiyan, neentsapho zabo; namaqegu abo onke, nemfuyo yabo yonke, nobutyebi babo bonke babuphanga.

10. Bayitshisa ngomlilo imizi yabo yonke ezindaweni zokuhlala kwabo, neengqili zabo zonke;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 31