Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 30:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ukuba uthe uyise wayithiba ngomhla wokuziva kwakhe izibhambathiso zayo zonke, nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, akuyi kuma; uYehova woyixolela, ngokuba eyithibile uyise.

6. Ke ukuba ithe yenda inesibhambathiso, nokuba inokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, yeva indoda,

7. yathi cwaka kuyo ngomhla wokuva kwayo, mazime izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.

8. Ukuba indoda yayo ithe yayithiba ngomhla wokuva kwayo, yasaphula isibhambathiso sayo esiphezu kwayo, nokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako: uYehova woyixolela.

9. Isibhambathiso somhlolokazi nesowaliweyo, yonke into abophe umphefumlo wakhe ngayo, mayime phezu kwakhe.

10. Ukuba umfazi uthe wenza isibhambathiso esendlwini yendoda yakhe, nokuba uthe wabopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza ngesifungo,

11. yeva indoda yakhe, yathi cwaka kuye, ayamthiba, mazime zonke izibhambathiso zakhe; makume ukuzikhanyeza kwakhe, abophe ngako umphefumlo wakhe.

12. Ukuba ithe indoda yakhe yakwaphula mpela ngomhla wokuva kwayo, yonke into ephume emlonyeni wakhe ngezibhambathiso zakhe, nangokuzikhanyeza komphefumlo wakhe, mayingemi; indoda yakhe iyaphúle, uYehova womxolela.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 30