Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 3:29-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Imizalwane yoonyana bakaKehati yomisa intentengecalalomnquba elingasezantsi.

30. Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaKehati nguElitsafan, unyana kaUziyeli.

31. Isigxina sabo yityeya,* netafile, nesiphatho sezibane, nezibingelelo, neempahla zengcwele abalungiselela ngazo, nesisitheliso, nomsebenzi wawo wonke.

32. Inkulu yezikhulu zakwaLevi nguElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, umveleli wabagcina isigxina sengcwele.

33. KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari.

34. Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.

35. Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaMerari nguTsuriyeli, unyana ka-Abhihayili; yomisa iintente ngecala lomnquba elingasentla.

36. Isigxina soonyana bakaMerari kukugcina iiplanga zomnquba nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neempahla zawo zonke, nomsebenzi wawo wonke,

37. neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo.

38. Abomisa iintente phambi komnquba ngasempumalanga, phambi kwentente yokuhlangana, nguMoses, noAron, noonyana bakhe, abagcina isigxina sengcwele, ngokwesigxina soonyana bakaSirayeli. Owasemzini osondelayo makabulawe.

39. Bonke ke ababalwáyo bakwaLevi, ababalwáyo nguMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngokwemizalwane yabo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamashumi amabini anamabini amawaka.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 3