Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 3:25-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Isigxina soonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana soba ngumnquba, nentente, nesigubungelo sayo, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,

26. namawundu entendelezo, nesisitheliso somnyango wentendelezo esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo emsebenzini wawo wonke.

27. KwaKehati ngumzalwane wakwa-Amram, nomzalwane wakwaItsare, nomzalwane wakwaHebron, nomzalwane wakwa-Aziyeli; yiyo leyo imizalwane yakwaKehati.

28. Ngénani, into yonke eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye yenyusa: ngamawaka osibhozo, anamakhulu mathandathu, egcine isigxina sengcwele.

29. Imizalwane yoonyana bakaKehati yomisa intentengecalalomnquba elingasezantsi.

30. Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaKehati nguElitsafan, unyana kaUziyeli.

31. Isigxina sabo yityeya,* netafile, nesiphatho sezibane, nezibingelelo, neempahla zengcwele abalungiselela ngazo, nesisitheliso, nomsebenzi wawo wonke.

32. Inkulu yezikhulu zakwaLevi nguElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, umveleli wabagcina isigxina sengcwele.

33. KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari.

34. Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.

35. Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaMerari nguTsuriyeli, unyana ka-Abhihayili; yomisa iintente ngecala lomnquba elingasentla.

36. Isigxina soonyana bakaMerari kukugcina iiplanga zomnquba nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neempahla zawo zonke, nomsebenzi wawo wonke,

funda isahluko epheleleyo Inumeri 3