Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 3:20-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo: nguMaheli noMushi. Yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngokwezindlu zooyise.

21. KwaGershon ngumzalwane wakwaLibheni, nomzalwane wakwaShimehi; yiyo leyo imizalwane yakwaGershon.

22. Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse, ababalwáyo kubo: ngamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu.

23. Imizalwane yakwaGershon yomisa intente ngasemva komnquba ngasentshonalanga.

24. Inkulu yendlu yooyise kwaGershon nguEliyasafu, unyana kaLayeli.

25. Isigxina soonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana soba ngumnquba, nentente, nesigubungelo sayo, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,

26. namawundu entendelezo, nesisitheliso somnyango wentendelezo esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo emsebenzini wawo wonke.

27. KwaKehati ngumzalwane wakwa-Amram, nomzalwane wakwaItsare, nomzalwane wakwaHebron, nomzalwane wakwa-Aziyeli; yiyo leyo imizalwane yakwaKehati.

28. Ngénani, into yonke eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye yenyusa: ngamawaka osibhozo, anamakhulu mathandathu, egcine isigxina sengcwele.

29. Imizalwane yoonyana bakaKehati yomisa intentengecalalomnquba elingasezantsi.

30. Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaKehati nguElitsafan, unyana kaUziyeli.

31. Isigxina sabo yityeya,* netafile, nesiphatho sezibane, nezibingelelo, neempahla zengcwele abalungiselela ngazo, nesisitheliso, nomsebenzi wawo wonke.

32. Inkulu yezikhulu zakwaLevi nguElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, umveleli wabagcina isigxina sengcwele.

33. KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 3