Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 27:6-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wathetha uYehova kuMoses wathi,

7. Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wòzinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise;

8. uthèthe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nòlihambisela ilifa layo kwintombi yayo.

9. Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo.

10. Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo.

11. Ukuba uyise uthe akaba nabazalwana, ilifa layo nolinika umzalwana wayo okufuphi kuyo emizalwaneni yayo, alidle ilifa. Woba ngummiselo ke wokugweba lowo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

12. Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uye kule ntaba yeAbharim, ulikhangele ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli,

13. ulikhangele; uhlanganiselwe kwabakowenu nawe, njengokuba wahlanganiselwayo kubo uAron, umkhuluwa wakho;

14. njengokuba nawuphikisayo umlomo wam entlango yeTsin, embambanweni yebandla, endaweni yokundingcwalisa emanzini emehlweni abo. Lawo ngamanzi embambano aseKadeshe, entlango yeTsin.

15. Wathetha uMoses kuYehova, esithi,

16. UYehova, uThixo woomoya benyama yonke, makamise indoda yokuvelela ibandla;

17. eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe, ibangenise; lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaYehova.

18. Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe,

19. ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo;

20. uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli.

21. Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim* phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.

22. Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho. Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke;

23. wacinezela ngezandla zakhe phezu kwakhe, wamwisela umthetho, njengoko uYehova wathethayo ngoMoses.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 27