Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 27:2-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Zema phambi koMoses naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu zebandla lonke emnyango wentente yokuhlangana, zathi,

3. Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganáyo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana.

4. Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwemizalwane yakhe, kuba engenanyana? Sinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.

5. UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.

6. Wathetha uYehova kuMoses wathi,

7. Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wòzinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise;

8. uthèthe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nòlihambisela ilifa layo kwintombi yayo.

9. Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo.

10. Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo.

11. Ukuba uyise uthe akaba nabazalwana, ilifa layo nolinika umzalwana wayo okufuphi kuyo emizalwaneni yayo, alidle ilifa. Woba ngummiselo ke wokugweba lowo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

12. Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uye kule ntaba yeAbharim, ulikhangele ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli,

13. ulikhangele; uhlanganiselwe kwabakowenu nawe, njengokuba wahlanganiselwayo kubo uAron, umkhuluwa wakho;

14. njengokuba nawuphikisayo umlomo wam entlango yeTsin, embambanweni yebandla, endaweni yokundingcwalisa emanzini emehlweni abo. Lawo ngamanzi embambano aseKadeshe, entlango yeTsin.

15. Wathetha uMoses kuYehova, esithi,

funda isahluko epheleleyo Inumeri 27