Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 27:15-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wathetha uMoses kuYehova, esithi,

16. UYehova, uThixo woomoya benyama yonke, makamise indoda yokuvelela ibandla;

17. eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe, ibangenise; lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaYehova.

18. Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe,

19. ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo;

20. uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli.

21. Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim* phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.

22. Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho. Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 27