Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 27:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zasondela iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, zomzalwane kaManase, unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.

2. Zema phambi koMoses naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu zebandla lonke emnyango wentente yokuhlangana, zathi,

3. Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganáyo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana.

4. Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwemizalwane yakhe, kuba engenanyana? Sinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.

5. UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.

6. Wathetha uYehova kuMoses wathi,

7. Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wòzinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise;

8. uthèthe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nòlihambisela ilifa layo kwintombi yayo.

9. Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo.

10. Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 27