Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 26:48-58 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

48. Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo: nguGatseli ozala amaGatseli; nguGuni ozala amaGuni;

49. nguYetsere ozala amaYetsere; nguShilem ozala amaShilem.

50. Yiyo leyo imizalwane yakwaNafetali ngokwemizalwane yabo; ababaliweyo kubo ngamashumi omané anamahlanu amawaka, anamakhulu mané.

51. Ngabo abo ababalwáyo koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu omathandathu amawaka anawaka-nye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.

52. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

53. Malabelwe ezo zizwe ilizwe, libe lilifa lazo ngenani lamagama.

54. Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinìkwe ilifa ngokwababalwáyo kuso.

55. Kodwa ilizwe malabiwe ngeqashiso, balidle ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise; labiwe ilifa lazo ngokweqashiso,

56. phakathi kwesininzi nesincinane.

57. Ngabo aba ababalwáyo kubaLevi ngokwemizalwane yabo; nguGershon ozala amaGershon; nguKehati ozala amaKehati; nguMerari ozala amaMerari.

58. Yiyo le imizalwane yabaLevi: ngumzalwane wamaLibheni, ngumzalwane wamaHebron, ngumzalwane wamaMaheli, ngumzalwane wamaMushi, ngumzalwane wamaKora. UKehati wazala uAmram.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 26