47. Yiyo leyo imizalwane yoonyana baka-Ashere, ngokwababalwáyo kubo: ngamashumi omahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mané.
48. Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo: nguGatseli ozala amaGatseli; nguGuni ozala amaGuni;
49. nguYetsere ozala amaYetsere; nguShilem ozala amaShilem.
50. Yiyo leyo imizalwane yakwaNafetali ngokwemizalwane yabo; ababaliweyo kubo ngamashumi omané anamahlanu amawaka, anamakhulu mané.
51. Ngabo abo ababalwáyo koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu omathandathu amawaka anawaka-nye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.
52. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
53. Malabelwe ezo zizwe ilizwe, libe lilifa lazo ngenani lamagama.
54. Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinìkwe ilifa ngokwababalwáyo kuso.
55. Kodwa ilizwe malabiwe ngeqashiso, balidle ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise; labiwe ilifa lazo ngokweqashiso,
56. phakathi kwesininzi nesincinane.
57. Ngabo aba ababalwáyo kubaLevi ngokwemizalwane yabo; nguGershon ozala amaGershon; nguKehati ozala amaKehati; nguMerari ozala amaMerari.
58. Yiyo le imizalwane yabaLevi: ngumzalwane wamaLibheni, ngumzalwane wamaHebron, ngumzalwane wamaMaheli, ngumzalwane wamaMushi, ngumzalwane wamaKora. UKehati wazala uAmram.
59. Igama lomka-Amram nguYokebhede, intombi kaLevi, eyazalelwa uLevi eYiputa; yamzalela uAmram ooAron noMoses, noMiriyam udade wabo.