24. nguPuwa ozala amaPuwa; nguYashubhi ozala amaYashubhi; nguShimron ozala amaShimron.
25. Yiyo leyo imizalwane yakwaIsakare, ngokwababalwáyo kubo: amashumi amathandathu anamané amawaka, anamakhulu mathathu.
26. Oonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo; nguSerede ozala amaSerede; nguElon ozala amaElon; nguYaleli ozala amaYaleli.
27. Yiyo leyo imizalwane yamaZebhulon, ngokwababalwáyo kubo: amashumi amathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.
28. Oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo nguManase noEfrayim.
29. Oonyana bakaManase: nguMakire ozala amaMakire; uMakire wazala uGiliyadi; nguGiliyadi ozala amaGiliyadi.
30. Ngabo aba oonyana bakaGiliyadi: nguIyezere ozala amaIyezere; nguHeleki ozala amaHeleki;
31. nguAseriyeli ozala ama-Aseriyeli; nguShekem ozala amaShekem;
32. nguShemida ozala amaShemida; nguHefere ozala amaHefere.