Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 26:20-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Oonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo babengaba: nguShela ozala amaShela; nguPeretse ozala amaPeretse; nguZera ozala amaZera.

21. Oonyana bakaPeretse babengaba: nguHetseron ozala amaHetseron; nguHamuli ozala amaHamuli.

22. Yiyo leyo imizalwane yakwaYuda, ngokwababalwáyo kubo: amashumi asixhenxe anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.

23. Oonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo; nguTola ozala amaTola;

24. nguPuwa ozala amaPuwa; nguYashubhi ozala amaYashubhi; nguShimron ozala amaShimron.

25. Yiyo leyo imizalwane yakwaIsakare, ngokwababalwáyo kubo: amashumi amathandathu anamané amawaka, anamakhulu mathathu.

26. Oonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo; nguSerede ozala amaSerede; nguElon ozala amaElon; nguYaleli ozala amaYaleli.

27. Yiyo leyo imizalwane yamaZebhulon, ngokwababalwáyo kubo: amashumi amathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.

28. Oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo nguManase noEfrayim.

29. Oonyana bakaManase: nguMakire ozala amaMakire; uMakire wazala uGiliyadi; nguGiliyadi ozala amaGiliyadi.

30. Ngabo aba oonyana bakaGiliyadi: nguIyezere ozala amaIyezere; nguHeleki ozala amaHeleki;

31. nguAseriyeli ozala ama-Aseriyeli; nguShekem ozala amaShekem;

32. nguShemida ozala amaShemida; nguHefere ozala amaHefere.

33. Ke uTselofehadi, unyana kaHefere, ebengenanyana; waye eneentombi zodwa. Amagama eentombi zikaTselofehadi nguMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 26