Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 26:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emva kwesibetho eso, wathetha uYehova kuMoses nakuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wathi,

2. Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli.

3. UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,

4. Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.Oonyana bakaSirayeli abaphumáyo ezweni lamaYiputa babengaba:

5. kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki;

6. nguPalu ozala amaPalu; nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi.

7. Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwáyo kuyo babengamashumi amané anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 26