Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 25:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Yithi ngoko, Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo,

13. ube ngumnqophiso wobubingeleli obungunaphakade, kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe, ngenxa enokuba ebenekhwele ngoThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.

14. Igama lendoda engumSirayeli, leyo yahlatywayo, yahlatywa nomMidiyanekazi, ibinguZimri unyana kaSalu, inkulu yendlu yooyise kwaSimon.

15. Igama lenkazana leyo yahlatywayo ingumMidiyanekazi, belinguKozibhi, intombi kaTsure, obeyintloko yezizwe zendlu yooyise kwaMidiyan.

16. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

17. Wabandezeleni amaMidiyan niwaxabele;

18. ngokuba wona anibandezele ngamayelenqe awo abewenzile kuni, ngenxa yendawo kaPehore, nangenxa yendawo kaKozibhi, intombi yenkulu yakwaMidiyan, udade wabo, owahlatywa ngomhla wesibetho ngenxa yendawo kaPehore.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 25