Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 25:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

11. UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.

12. Yithi ngoko, Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo,

13. ube ngumnqophiso wobubingeleli obungunaphakade, kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe, ngenxa enokuba ebenekhwele ngoThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.

14. Igama lendoda engumSirayeli, leyo yahlatywayo, yahlatywa nomMidiyanekazi, ibinguZimri unyana kaSalu, inkulu yendlu yooyise kwaSimon.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 25