Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 25:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. AmaSirayeli ahlala eShitim. Baqala abantu bahenyuza neentombi zakwaMowabhi.

2. Zababizela abantu emibingelelweni yoothixo bazo; badla abantu, banqula oothixo bazo.

3. AmaSirayeli azibandakanya ke noBhahalipehore.*Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli.

4. Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli.

5. Wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli, Bulalani elowo abantu bakhe, abazibandakanyileyo noBhahali-pehore.

6. Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 25