Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 24:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. UThixo umkhupha eYiputa.Amendu akhe anjengawenqu.Uya kuzidla iintlanga, ababandezeli bakhe,Awakhukhuze amathambo abo,Abaphaluse ngeentolo zakhe.

9. Waguqa, wabuthuma njengengonyama,Njengengonyamakazi; ngubani na owomvusa?Mabasikelelwe abakusikelelayo,Baqalekiswe abakuqalekisayo.

10. Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu.

11. Khwelela ngokunje, uye endaweni yakho. Bendithe ndokuzukisa kakhulu; yabona uYehova ukuvimbile uzuko.

12. Wathi uBhileham kuBhalaki, Bendingathethanga na nakubathunywa bakho owabathumela kum nidisithi,

13. Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andingekhe ndiwugqithe umlomo kaYehova, ndenze okulungileyo nokuba kokubi okuphuma entliziyweni yam; oko akuthethayo uYehova, ndiya kwenza kona.

14. Kaloku yabona, ndiyahamba, ndiya ebantwini bakowethu. Yiza ndikutyele into abaya kuyenza aba bantu kubantu bakho ngemihla yokugqibela.

15. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Utsho uBhileham unyana kaBhehore,Itsho indoda ecinywe amehlo.

16. Utsho ova ukuthetha kukaThixo,Wakwazi ukwazi kOsenyangweni;Obona umbono woSomandla,Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo:

funda isahluko epheleleyo Inumeri 24