Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 24:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wabona uBhileham, ukuba kuhle emehlweni kaYehova ukumsikelela uSirayeli, akaya kuhlangabeza zihlabo ngokwezinye izihlandlo, wabubhekisa ubuso bakhe entlango.

2. Waphakamisa amehlo akhe uBhileham, wawabona amaSirayeli ehleli ngokwezizwe zawo, uMoya kaThixo wamfikela.

3. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Utsho uBhileham unyana kaBhehore,Itsho indoda ecinywe amehlo;

4. Utsho ova ukuthetha kukaThixo,Owubonayo umbono woSomandla,Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 24