Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 23:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona;Ndisezindulini, ndibonisela yena.Yabona, ngabantu abahlala bodwa,Àbabalelwa phakathi kwazo iintlanga.

10. Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi,Nesahlulo sesiné sakwaSirayeli ngokwenani?Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye,Ukuphela kwam kube njengokwabo!

11. Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenzé yona? Ndikuthabathéle ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela.

12. Waphendula yena, wathi, Oko akubekileyo uYehova emlonyeni wam, mandingakugcini na, ndikuthethe?

13. Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela; undiqalekisêle ke bona apho.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 23