Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 23:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.

6. Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.

7. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram,*Ezintabeni zasempumalanga, esithi,Yiza undiqalekisele uYakobi;Yiza ubhavumele uSirayeli.

8. Ndothini na ukuqalekisa angàmqalekisiyo uThixo?Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?

9. Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona;Ndisezindulini, ndibonisela yena.Yabona, ngabantu abahlala bodwa,Àbabalelwa phakathi kwazo iintlanga.

10. Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi,Nesahlulo sesiné sakwaSirayeli ngokwenani?Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye,Ukuphela kwam kube njengokwabo!

11. Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenzé yona? Ndikuthabathéle ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela.

12. Waphendula yena, wathi, Oko akubekileyo uYehova emlonyeni wam, mandingakugcini na, ndikuthethe?

13. Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela; undiqalekisêle ke bona apho.

14. Wamsa emhlabeni wababoniseli, encotsheni yePisga, wákha izibingelelo ezisixhenxe; wenyusa inkunzi entsha yenkomo, nenkunzi yemvu, kwisibingelelo ngesibingelelo.

15. Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 23