Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 23:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela; undiqalekisêle ke bona apho.

14. Wamsa emhlabeni wababoniseli, encotsheni yePisga, wákha izibingelelo ezisixhenxe; wenyusa inkunzi entsha yenkomo, nenkunzi yemvu, kwisibingelelo ngesibingelelo.

15. Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova.

16. UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.

17. Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Úthethé ntoni na uYehova?

funda isahluko epheleleyo Inumeri 23