Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 23:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenzé yona? Ndikuthabathéle ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela.

12. Waphendula yena, wathi, Oko akubekileyo uYehova emlonyeni wam, mandingakugcini na, ndikuthethe?

13. Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela; undiqalekisêle ke bona apho.

14. Wamsa emhlabeni wababoniseli, encotsheni yePisga, wákha izibingelelo ezisixhenxe; wenyusa inkunzi entsha yenkomo, nenkunzi yemvu, kwisibingelelo ngesibingelelo.

15. Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova.

16. UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.

17. Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Úthethé ntoni na uYehova?

18. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Suka ume, Bhalaki uve;Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 23