Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 23:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndákhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe.

2. Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham. Bathi ooBhalaki noBhileham benyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.

3. Wathi uBhileham kuBhalaki, Yima wena ngasedinini lakho elinyukayo, ndihambe mna; mhlawumbi uYehova woza kundihlangabeza, nelizwi asukuba endibonisa lona ndokuxelela ke. Waya eluqhayini.

4. UThixo waqubisana noBhileham; wathi yena kuye, Ndilungisé izibingelelo zasixhenxe, ndanyusa inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu kwisibingelelo ngesibingelelo.

5. UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.

6. Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.

7. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram,*Ezintabeni zasempumalanga, esithi,Yiza undiqalekisele uYakobi;Yiza ubhavumele uSirayeli.

8. Ndothini na ukuqalekisa angàmqalekisiyo uThixo?Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?

9. Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona;Ndisezindulini, ndibonisela yena.Yabona, ngabantu abahlala bodwa,Àbabalelwa phakathi kwazo iintlanga.

10. Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi,Nesahlulo sesiné sakwaSirayeli ngokwenani?Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye,Ukuphela kwam kube njengokwabo!

11. Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenzé yona? Ndikuthabathéle ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 23