Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 22:27-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga.

28. Wawuvula ke uYehova umlomo weesile, lathi kuBhileham, Ndikwenzé ntoni na, ukuba undibethe la maxesha mathathu?

29. Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethé ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku!

30. Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe?

31. Wathi, Hayi. Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso. Wathoba, waqubuda ngobuso bakhe.

32. Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphumé mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela.

33. Landibona iesile, lacezela phaya kum la maxesha omathathu; koko lacezela phaya ngenxa yam, okanye ngendikubulele ngoku wena, ndalisindisa lona.

34. Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya.

35. Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba namadoda lawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa. Wahamba ke uBhileham nabathetheli bakaBhalaki.

36. Weva uBhalaki ukuba uBhileham uyeza. Waphuma waya kumhlangabeza emzini wakwaMowabhi osemdeni waseArnon, ekupheleni komda.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 22