Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 22:17-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. kuba ukukuzukisa kona ndiya kukuzukisa kunene, ndikwenze konke ondixelela kona; khawuze undiqalekisele aba bantu.

18. Waphendula uBhileham, wathi kubakhonzi bakaBhalaki, Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andinako ukuwugqitha umlomo kaYehova, uThixo wam, ndenze okuncinane nokuba kokukhulu.

19. Khanihlale apha ke nani ngobu busuku, ndide ndiyazi into aya kuyongeza uYehova, ayithethe kum.

20. Wafika uThixo kuBhileham ebusuku, wathi kuye, Ukuba la madoda afike kuwe eza kukubiza, suka uhambe nawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze wenze lona lodwa.

21. Wavuka uBhileham kusasa, wayibopha imazi yakhe ye-esile, wahamba nabathetheli abo bakwaMowabhi.

22. Wavutha umsindo kaThixo, ngokuba wahambayo. Sema isithunywa sikaYehova endleleni ukuba simchase. Wayekhwele e-esileni lakhe, enamadodana akwakhe omabini.

23. Iesile lasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso, lathi gu bucala iesile endleleni, laya entsimini. UBhileham walibetha iesile, elisongela endleleni.

24. Sema isithunywa sikaYehova engxingweni yezidiliya, iludonga ngapha, iludonga ngapha.

25. Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lagudla udonga, lalugudla unyawo lukaBhileham ngodonga; waphinda walibetha.

26. Saphinda sagqitha isithunywa sikaYehova, sema endaweni exineneyo, apho bekungekho ndlela yakucezela ekunene nasekhohlo.

27. Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga.

28. Wawuvula ke uYehova umlomo weesile, lathi kuBhileham, Ndikwenzé ntoni na, ukuba undibethe la maxesha mathathu?

29. Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethé ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku!

30. Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe?

31. Wathi, Hayi. Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso. Wathoba, waqubuda ngobuso bakhe.

32. Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphumé mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 22