Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 21:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Weva umKanan, ukumkani waseAradi, obehleli kwelasezantsi, ukuba ayeza amaSirayeli ngendlela yeentlola, walwa namaSirayeli, wathimba abantu kuwo.

2. Abhambathisa amaSirayeli isibhambathiso kuYehova, athi, Ukuba uthe wabanikela inene aba bantu esandleni sam, ndoyisingela phantsi imizi yabo.

3. Waliva uYehova ilizwi lamaSirayeli, wamnikela umKanan lowo kuwo, wasingelwa phantsi nemizi yakhe. Kwathiwa igama laloo ndawo yiHorma.*

4. Banduluka entabeni yeHore ngendlela yoLwandle oluBomvu,* ukuba bajikele ilizwe lakwaEdom; bakhathazeka abantu endleleni.

5. Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.

6. UYehova wathuma iinyoka ezinobuhlungu ebantwini, zabaluma abantu; kwafa abantu abaninzi bakwaSirayeli.

7. Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.

8. Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka enobuhlungu, uyixhome esibondeni eside; kothi, bonke abo balunyiweyo, bakukhangela kuyo, baphile.

9. Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni eside; kwathi, yakuba ithe inyoka yamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu, waphila.

10. Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa iintente eObhoti.

11. Banduluka eObhoti, baya bamisa eIye-abharim, entlango ephambi kwelakwaMowabhi, ngasekuphumeni kwelanga.

12. Banduluka khona, baya bamisa esihlanjeni saseZerede.

13. Banduluka khona, baya bamisa phesheya kweArnon, esentlango, ephuma emdeni wama-Amori; kuba iArnon ngumda wakwaMowabhi, ophakathi kwamaMowabhi nama-Amori.

14. Ngenxa yoko, kuthiwa encwadini yeemfazwe zikaYehova:IVahebhi wayithabatha esiza ngesaqhwithi,Nezibhaxa zaseArnon,

15. Namathambeka ezibhaxa,Olukela ekhayeni laseAri,Ayame umda wakwaMowabhi.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 21