Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 20:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? Asindawo yambewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!

6. Besuka ooMoses noAron ebusweni besikhungu, baya emnyango wentente yokuhlangana, bawa ngobuso. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo.

7. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

8. Yithabathe intonga, ulibizele ndawonye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondorheni phambi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondorheni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo.

9. Wayithabatha ke uMoses intonga ebusweni bukaYehova, njengoko wawiswayo umthetho.

10. Wasibizela ndawonye uMoses noAron isikhungu phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo, Khanive, nina baneenkani. Sínikhuphele amanzi kule ngxondorha na?

11. Wasiphakamisa uMoses isandla sakhe, wayibetha ingxondorha ngentonga yakhe izihlandlo zazibini; aphuma amanzi amaninzi, lasela ibandla neenkomo zalo.

12. Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ngokokuba ningakholwanga kum, ukuba nindingcwalise emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kusingenisa esi sikhungu ezweni endibanika lona.

13. Ngawo lawo amanzi aseMeribha,* ababambana ngawo oonyana bakaSirayeli noYehova, waza wazingcwalisela bona.

14. UMoses wasusa izigidimi eKadeshe, zaya kuthi kukumkani wakwaEdom, Utsho umzalwana wakho uSirayeli ukuthi, Wena uyakwazi konke ukuxhamleka esafumanana nako.

15. Behla oobawo, baya eYiputa, sahlala eYiputa imihla emininzi. Asiphatha kakubi amaYiputa, thina noobawo bethu;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 20