21. Wala uEdom ukumvumela uSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. Wajika ke uSirayeli, wemka kuye.
22. Banduluka eKadeshe; beza oonyana bakaSirayeli, ibandla lonke, entabeni yeHore.
23. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron entabeni yeHore, emdeni welizwe lakwaEdom, wathi,
24. UAron makahlanganiselwe kwabakowabo; ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuphikisayo umlomo wam emanzini embambano.
25. Thabatha uAron noElazare unyana wakhe, ubanyuse entabeni yeHore;
26. umhlube uAron iingubo zakhe, uzambathise uElazare unyana wakhe. UAron wohlanganiselwa kwabakowabo, afele khona.