Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 2:7-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ize kulandele isizwe sakwaZebhulon; inkulu yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi, unyana kaHelon;

8. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mané.

9. Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaYuda likhulu lamawaka, anamanci osibhozo amawaka, anesithandathu samawaka, anamakhulu mané, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka kuqala bona.

10. Ibhanile yeminquba yakwaRubhen yoba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaRubhen nguElitsure, unyana kaShedeyure;

11. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kuye, ngamashumi omané anesithandathu samawaka, anamakhulu mahlanu.

12. Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaSimon; inkulu yoonyana bakaSimon nguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;

13. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.

14. Ize kulandele isizwe sakwaGadi; inkulu yoonyana bakaGadi nguEliyasafu, unyana kaRehuweli;

15. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané anesihlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.

16. Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaRubhen likhulu lamawaka, elinamanci mahlanu amawaka, anawakanye, linamakhulu mané, anamanci mahlanu, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesibini.

17. Yoncothulwa intente yokuhlangana, ineminquba yabaLevi phakathi kweminye iminquba; njengoko bamisa ngako, bonduluka ngako, elowo endaweni yakhe ngokwebhanile yakowabo.

18. Ibhanile yeminquba yakwaEfrayim yoba ngasentshonalanga, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaEfrayim nguElishama, unyana ka-Amihude;

19. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané amawaka, anamakhulu mahlanu.

20. Ngakuye ibe sisizwe sakwaManase; inkulu yoonyana bakaManase nguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;

21. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesibini amawaka, anamakhulu mabini.

22. Kuze kulandele isizwe sakwaBhenjamin; inkulu yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan, unyana kaGidiyoni;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 2