Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 2:25-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ibhanile yeminquba yakwaDan yoba ngasentla, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaDan nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi;

26. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anesibini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

27. Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwa-Ashere, inkulu yoonyana baka-Ashere nguPagiyeli, unyana kaOkran;

28. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané amawaka, anawaka-nye, linamakhulu mahlanu.

29. Ize kulandele isizwe sakwaNafetali; inkulu yoonyana bakaNafetali nguAhira, unyana kaEnan;

30. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesithathu samawaka, anamakhulu mané.

31. Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaDan likhulu lamawaka, anamanci omahlanu anesixhenxe samawaka, anamakhulu mathandathu. Bonduluka bengabokugqibela, ngokweebhanile zabo.

32. Ngabo ke abo babalwáyo koonyana bakaSirayeli, ngokwezindlu zooyise; bonke ababalelwa eminqubeni ngokwemikhosi yabo ngamakhulu omathandathu amawaka, anesithathu samawaka, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.

33. Ke abaLevi ababalelwanga phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 2