Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 2:21-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesibini amawaka, anamakhulu mabini.

22. Kuze kulandele isizwe sakwaBhenjamin; inkulu yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan, unyana kaGidiyoni;

23. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathathu anesihlanu amawaka, anamakhulu mané.

24. Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaEfrayim likhulu lamawaka, anesibhozo samawaka anakhulu-nye, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesithathu.

25. Ibhanile yeminquba yakwaDan yoba ngasentla, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaDan nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi;

26. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anesibini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

27. Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwa-Ashere, inkulu yoonyana baka-Ashere nguPagiyeli, unyana kaOkran;

28. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omané amawaka, anawaka-nye, linamakhulu mahlanu.

29. Ize kulandele isizwe sakwaNafetali; inkulu yoonyana bakaNafetali nguAhira, unyana kaEnan;

30. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anesithathu samawaka, anamakhulu mané.

31. Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaDan likhulu lamawaka, anamanci omahlanu anesixhenxe samawaka, anamakhulu mathandathu. Bonduluka bengabokugqibela, ngokweebhanile zabo.

32. Ngabo ke abo babalwáyo koonyana bakaSirayeli, ngokwezindlu zooyise; bonke ababalelwa eminqubeni ngokwemikhosi yabo ngamakhulu omathandathu amawaka, anesithathu samawaka, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.

33. Ke abaLevi ababalelwanga phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

34. Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo ukumisa iintente ngokweebhanile zakowabo; benjenjalo ukunduluka, elowo ngokomzalwane wakhe, ngokwezindlu zooyise.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 2