Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 2:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,

2. Elowo koonyana bakaSirayeli woyimisa intente yakhe ngakwibhanile* yakowabo, eziqondisweni zezindlu zooyise, bamise malunga nentente yokuhlangana ngeenxa zonke.

3. Abomisa phambili ngasempumalanga boba ngabebhanile yakwaYuda ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaYuda nguNashon, unyana ka-Aminadabhi;

4. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi osixhenxe anesiné amawaka, anamakhulu mathandathu.

5. Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaIsakare; inkulu yoonyana bakaIsakare nguNathaniyeli, unyana kaTsuhare;

6. umkhosi wakhe, abo babalwáyo kubo, ngamashumi omahlanu anamané amawaka, anamakhulu mané.

7. Ize kulandele isizwe sakwaZebhulon; inkulu yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi, unyana kaHelon;

funda isahluko epheleleyo Inumeri 2