Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 18:22-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. bangaphindi oonyana bakaSirayeli basondele ententeni yokuhlangana, hleze bathwale isono bafe.

23. Ke bona abaLevi bosebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, babuthwale ubugwenxa babo; ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu. Abayi kuba nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.

24. Ngokuba isishumi soonyana bakaSirayeli, abasirhumela uYehova umrhumo, ndisinika abaLevi sibe lilifa. Ngenxa yoko ndithe kubo, Mabangabi nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.

25. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

26. Thetha kubaLevi, uthi kubo, Xa nithe nasithabatha koonyana bakaSirayeli isishumi endininika sona, esiphuma kubo sililifa lenu, norhuma ngaso umrhumo kaYehova, ngesishumi sesishumi.

27. Wóthi umrhumo wenu ubalelwe kuni uyingqolowa yasesandeni, uyinzaliseko yasesixovulelweni.

28. Ngokunjalo nani norhuma umrhumo kaYehova ngezishumi zenu zonke enizithabathayo koonyana bakaSirayeli, nimnika uAron umbingeleli kuzo umrhumo kaYehova.

29. Eminikelweni yonke eniyinikiweyo, norhuma imirhumo yonke kaYehova; ekutyebeni kwayo konke norhuma into yakhe eyingcwele ivela kuyo.

30. Uze uthi ke kubo, Ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo, kobalelwa kubaLevi, ilungeniselo lwesandà, ilungeniselo lwesixovulelo.

31. Nòkudla oko ezindaweni zonke, nina nezindlu zenu; kuba ngumvuzo wenu ngenxa yomsebenzi wenu ententeni yokuhlangana.

32. Anisayi kuzithwalisa zono ngenxa yoko ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo okukuyo; anisayi kuzihlambela izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; anisayi kufa.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 18