Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 18:18-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Inyama yawo yoba yeyakho; njengencum yomtshangatshangiso, nanjengomlenze wasekunene, yoba yeyakho.

19. Yonke imirhumo engcwele, abayirhumela uYehova oonyana bakaSirayeli, ndiyinika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ibe ngummiselo ongunaphakade; ingumnqophiso wetyuwa ongunaphakade phambi koYehova, kuwe nakwimbewu yakho ndawonye nawe.

20. Wathi uYehova kuAron, Ezweni labo akuyi kuba nalifa, akuyi kuba nasabelo phakathi kwabo; ndisisabelo sakho nelifa lakho phakathi koonyana bakaSirayeli.

21. Uyabona, oonyana bakaLevi ndibanika zonke izishumi kwaSirayeli, ukuba zibe lilifa, ngenxa yomsebenzi wabo abasebenza wona, umsebenzi wentente yokuhlangana;

22. bangaphindi oonyana bakaSirayeli basondele ententeni yokuhlangana, hleze bathwale isono bafe.

23. Ke bona abaLevi bosebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, babuthwale ubugwenxa babo; ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu. Abayi kuba nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 18