Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 18:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Yile into eyoba yeyakho: umrhumo wesipho sabo emitshangatshangisweni yonke yoonyana bakaSirayeli ndiwunika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ube ngummiselo ongunaphakade. Bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bowudla.

12. Konke ukutyeba kweoli, konke ukutyeba kwewayini entsha, nokwengqolowa, ulibo lwezo zinto baya kuzinika uYehova, ndikunika lona.

13. Iintlahlela zeento zonke ezisezweni labo, abazizisa kuYehova, zoba zezakho; bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bozidla.

14. Zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli zoba zezakho.

15. Zonke izinto ezivula isizalo kwinyama yonke, abaya kuzisondeza kuYehova, ebantwini nasezinkomeni, zoba zezakho. Kodwa wona amazibulo abantu wòwakhulula ngokuwamisela; amazibulo ezinto ezizitho ziné eziziinqambi wòwakhulula ngokuwamisela.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 18