Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 16:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Yenzani oku: zithabatheleni iingcedevu, wena Kora nebandla lakho lonke,

7. nibeke umlilo kuzo, nibeke isiqhumiso phezu kwazo phambi koYehova ngomso. Kothi, umntu athe uYehova wamnyula abe ngcwele yena; senanele nina, nyana bakaLevi.

8. Wathi uMoses kuKora, Khanive, nina nyana bakaLevi.

9. Yinto encinane na kuni, ukuba uThixo kaSirayeli anahlule kwibandla lakwaSirayeli, anisondeze kuye, ukuba nisebenze umsebenzi womnquba kaYehova, nime phambi kwebandla, nilungiselele kubo,

10. ekusondezile nje wena nabazalwana bakho bonke, oonyana bakaLevi ndawonye nawe? Nifuna kwanobubingeleli na?

11. Ninani na, wena nebandla lakho lonke, le nto nihlangana ngoYehova? Ke uAron uyintoni na yena, ukuba nimkrokrele?

12. Wathuma uMoses, wabiza uDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi. Bathi, Asiyi kunyuka size.

13. Yinto encinane na le yokuba usinyuse ezweni elibaleka amasi nobusi, uze kusibulala apha entlango, le nto uhlala uzenzé umphathi phezu kwethu?

14. Kananjalo akusingenisanga ezweni elibaleka amasi nobusi, akusinikanga lifa lamasimi nazidiliya; uya kuwakrukra na amehlo ala madoda? Asiyi kunyuka size.

15. Wavutha kunene umsindo kaMoses, wathi kuYehova, Musa ukuwubheka umnikelo wabo wokudla. Andithabathanga ne-esile elinye kubo, andiphathanga kakubi namnye wabo.

16. Wathi uMoses kuKora, Wena nebandla lakho lonke, ze nibe phambi koYehova, wena nabo noAron, ngomso;

17. nithabathe elowo ugcedevu lwakhe, nibeke isiqhumiso phezu kwazo, nisondeze phambi koYehova, elowo abe nogcedevu lwakhe, iingcedevu ezimakhulu mabini anamanci mahlanu; nawe noAron elowo abe nogcedevu lwakhe.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 16