Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 16:38-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Iingcedevu zabo bonayo ngakwimiphefumlo yabo, ize nizenze izixwexwe ezicekethekileyo zokwaleka isibingelelo; ngokuba bázisondeza phambi koYehova zangcwaliswa. Zoba ngumqondiso koonyana bakaSirayeli.

39. Wazithabatha ke uElazare umbingeleli iingcedevu zobhedu, ababezisondezile abo batshiswayo, zakhandwa, zaba zezokwaleka isibingelelo.

40. Yaba sisikhumbuzo eso koonyana bakaSirayeli, ukuze kungasondeli ndoda yasemzini, ingengowembewu ka-Aron, iqhumisele ngesiqhumiso phambi koYehova, ukuze ingabi njengoKora nanjengebandla lakhe, njengoko uYehova wathethayo kuye ngoMoses.

41. Lamkrokrela uMoses noAron ngengomso lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, lisithi, Nina nibabulele abantu bakaYehova.

42. Kwathi ekubizelweni ndawonye kwebandla ngoMoses nangoAron, babheka ententeni yokuhlangana. Nalo ilifu liyisibekele babonakala ubuqaqawuli bukaYehova.

43. Beza ooMoses noAron phambi kwentente yokuhlangana.

44. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

45. Sukani phakathi kweli bandla, ndiligqibele ngephanyazo. Bawa ngobuso.

46. Wathi uMoses kuAron, Luthabathe ugcedevu, ubeke umlilo phezu kwalo ovela esibingelelweni, ubeke isiqhumiso, ukhawuleze uye ebandleni, ubacamagushele; kuba kuphume uburhalarhume ebusweni bukaYehova, siqalile isibetho.

47. Wathabatha ke uAron njengoko uMoses wathethayo, wabalekela phakathi kwesikhungu; naso isibetho siqalile ebantwini. Wabeka isiqhumiso, wabacamagushela abantu.

48. Wema phakathi kwabafileyo nabahleliyo; sathintelwa ke isibetho.

49. Abo bafayo sisibetho baba lishumi elinesiné lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabafáyo ngendawo yakwaKora.

50. Wabuyela uAron kuMoses emnyango wentente yokuhlangana; isibetho sathintelwa ke.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 16