Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 16:35-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Kwaphuma umlilo kuYehova, wawadla amadoda angamakhulu amabini anamanci mahlanu, asondeza isiqhumiso.

36. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

37. Yitsho kuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, azichole iingcedevu eluvundwini, wena uwuchithachithele kude umlilo, ngokuba zingcwele.

38. Iingcedevu zabo bonayo ngakwimiphefumlo yabo, ize nizenze izixwexwe ezicekethekileyo zokwaleka isibingelelo; ngokuba bázisondeza phambi koYehova zangcwaliswa. Zoba ngumqondiso koonyana bakaSirayeli.

39. Wazithabatha ke uElazare umbingeleli iingcedevu zobhedu, ababezisondezile abo batshiswayo, zakhandwa, zaba zezokwaleka isibingelelo.

40. Yaba sisikhumbuzo eso koonyana bakaSirayeli, ukuze kungasondeli ndoda yasemzini, ingengowembewu ka-Aron, iqhumisele ngesiqhumiso phambi koYehova, ukuze ingabi njengoKora nanjengebandla lakhe, njengoko uYehova wathethayo kuye ngoMoses.

41. Lamkrokrela uMoses noAron ngengomso lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, lisithi, Nina nibabulele abantu bakaYehova.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 16