Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 16:26-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Wathetha kwibandla esithi, Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke.

27. Benyuka ke, bemka emzini kaKora noDatan noAbhiram ngeenxa zonke. OoDatan noAbhiram bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, neentsatshana zabo.

28. Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyantliziyo yam.

29. Ukuba aba bathe bafa ngokufa kwabantu bonke, nokuba bathe bavelelwa ngokuvelelwa kwabantu bonke, woba uYehova akandithumanga.

30. Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.

31. Kwathi, ukugqiba kwakhe ukuwathetha onke la mazwi, wacandeka umhlaba obuphantsi kwabo;

32. umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, nabantu bonke bakaKora, nempahla yabo yonke.

33. Behla bona besaphilile, nento yonke abanayo, baya kwelabafileyo, umhlaba wabaselela, batshabalala, ababakho phakathi kwesikhungu.

34. Onke amaSirayeli abebangqongile abalekiswa sisithonga sesikhalo sabo; ngokuba abesithi, Hleze umhlaba usiginye nathi.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 16