Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 16:20-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, Zahluleni kweli bandla;

21. ndiya kubagqibela ngephanyazo.

22. Bawa ngobuso, bathi, Thixo, Thixo woomoya benyama yonke, koné umntu wamnye nje, ùnoburhalarhume kwibandla lonke na?

23. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

24. Thetha kwibandla, uthi, Sukani nimke ngeenxa zonke emzini kaKora noDatan noAbhiram.

25. Wesuka uMoses, waya kuDatan noAbhiram; amlandela amadoda amakhulu akwaSirayeli.

26. Wathetha kwibandla esithi, Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke.

27. Benyuka ke, bemka emzini kaKora noDatan noAbhiram ngeenxa zonke. OoDatan noAbhiram bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, neentsatshana zabo.

28. Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyantliziyo yam.

29. Ukuba aba bathe bafa ngokufa kwabantu bonke, nokuba bathe bavelelwa ngokuvelelwa kwabantu bonke, woba uYehova akandithumanga.

30. Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 16