Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 16:14-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kananjalo akusingenisanga ezweni elibaleka amasi nobusi, akusinikanga lifa lamasimi nazidiliya; uya kuwakrukra na amehlo ala madoda? Asiyi kunyuka size.

15. Wavutha kunene umsindo kaMoses, wathi kuYehova, Musa ukuwubheka umnikelo wabo wokudla. Andithabathanga ne-esile elinye kubo, andiphathanga kakubi namnye wabo.

16. Wathi uMoses kuKora, Wena nebandla lakho lonke, ze nibe phambi koYehova, wena nabo noAron, ngomso;

17. nithabathe elowo ugcedevu lwakhe, nibeke isiqhumiso phezu kwazo, nisondeze phambi koYehova, elowo abe nogcedevu lwakhe, iingcedevu ezimakhulu mabini anamanci mahlanu; nawe noAron elowo abe nogcedevu lwakhe.

18. Bathabatha ke elowo ugcedevu lwakhe, babeka umlilo kuzo, babeka isiqhumiso phezu kwazo, bema emnyango wentente yokuhlangana noMoses noAron.

19. UKora walibizela ndawonye ngabo ibandla lonke emnyango wentente yokuhlangana. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kwibandla lonke.

20. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, Zahluleni kweli bandla;

21. ndiya kubagqibela ngephanyazo.

22. Bawa ngobuso, bathi, Thixo, Thixo woomoya benyama yonke, koné umntu wamnye nje, ùnoburhalarhume kwibandla lonke na?

23. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

24. Thetha kwibandla, uthi, Sukani nimke ngeenxa zonke emzini kaKora noDatan noAbhiram.

25. Wesuka uMoses, waya kuDatan noAbhiram; amlandela amadoda amakhulu akwaSirayeli.

26. Wathetha kwibandla esithi, Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke.

27. Benyuka ke, bemka emzini kaKora noDatan noAbhiram ngeenxa zonke. OoDatan noAbhiram bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, neentsatshana zabo.

28. Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyantliziyo yam.

29. Ukuba aba bathe bafa ngokufa kwabantu bonke, nokuba bathe bavelelwa ngokuvelelwa kwabantu bonke, woba uYehova akandithumanga.

30. Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.

31. Kwathi, ukugqiba kwakhe ukuwathetha onke la mazwi, wacandeka umhlaba obuphantsi kwabo;

32. umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, nabantu bonke bakaKora, nempahla yabo yonke.

33. Behla bona besaphilile, nento yonke abanayo, baya kwelabafileyo, umhlaba wabaselela, batshabalala, ababakho phakathi kwesikhungu.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 16