Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 15:35-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Wathi uYehova kuMoses, Makabulawe afe loo mntu, limxulube ibandla lonke ngamatye, ngaphandle kweminquba.

36. Lonke ibandla lamkhuphela ngaphandle kweminquba, lamxuluba ke ngamatye. Wafa, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

37. Wathi uYehova kuMoses,

38. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, mabenze iintshinga emasondweni eengubo zabo, kwizizukulwana zabo, bafake entshingeni yesondo intsontelo ebala limsi.

39. Mayibe yintshinga kuni; nithi, nakuyibona, niyikhumbule yonke imithetho kaYehova, niyenze, ningabhaduli nilandele intliziyo yenu, namehlo enu, enibe nihenyuza ngokulandela wona;

40. ukuze niyikhumbule niyenze yonke imithetho yam, nibe ngcwele kuThixo wenu.

41. NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo kuni: ndinguYehova, uThixo wenu.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 15