Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 15:26-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Loxolelwa ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, ngokuba kubahlele oku abantu bonke ngokulahleka.

27. Ukuba ubani uthe wona ngokulahleka, wósondeza ibhokhwe elithokazi elimnyaka mnye, ibe lidini lesono;

28. umbingeleli acamagushele umphefumlo olahlekayo ngokona kwawo, ngokulahleka kwawo phambi koYehova. Ákuwucamagushela, woxolelwa ke.

29. Kozalwayo phakathi koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli ophambukele phakathi kwenu, woba mnye umyalelo kuni, ngokusingisele kowenza ngokulahleka.

30. Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.

31. Ngokuba ulidelile ilizwi likaYehova, uwaphule nomyalelo wakhe; loo mphefumlo wonqanyulwa kanye, ubugwenxa buphezu kwawo.

32. Kwathi, oonyana bakaSirayeli besentlango, bafumana umntu etheza iinkuni ngomhla wesabatha.

33. Abo bamfumanáyo etheza iinkuni, bamsondeza kuMoses nakuAron nakwibandla lonke;

34. bamfaka elugcinweni, kuba bekungekamiswa okuyà kwenziwa kuye.

35. Wathi uYehova kuMoses, Makabulawe afe loo mntu, limxulube ibandla lonke ngamatye, ngaphandle kweminquba.

36. Lonke ibandla lamkhuphela ngaphandle kweminquba, lamxuluba ke ngamatye. Wafa, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

37. Wathi uYehova kuMoses,

38. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, mabenze iintshinga emasondweni eengubo zabo, kwizizukulwana zabo, bafake entshingeni yesondo intsontelo ebala limsi.

39. Mayibe yintshinga kuni; nithi, nakuyibona, niyikhumbule yonke imithetho kaYehova, niyenze, ningabhaduli nilandele intliziyo yenu, namehlo enu, enibe nihenyuza ngokulandela wona;

40. ukuze niyikhumbule niyenze yonke imithetho yam, nibe ngcwele kuThixo wenu.

41. NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo kuni: ndinguYehova, uThixo wenu.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 15